1. Umntu uthengisa imveliso (“umthengis
i”)
kumthengi wokuqala wale mveliso (“umthengi")
apha uqinisekisa ukuba le mveliso iya kuba yeyomgangatho ophezulu kwaye, ikwimeko
entle yokusebenza, ayinaziphene kwaye iyifanele injongo eyenzelwe yona ngaphantsi
kokusetyenziswa emzini oqhelekileyo, kangangesithuba sexesha lonyaka om-1 (omnye)
ukusukela kumhla wentengiso ("isigaba sexesha lesiqinisekiso") yale mveliso.
2. Kwimeko yokuba isigaba sexesha lesiqinisekiso singekaphelelwa lixesha kwaye
nemveliso ingasekho semgangathweni omhle, okanye kwimeko entle yokusebenza
okanye ineziphene okanye ingasayilungelanga injongo eyenzelwe yona ngaphantsi
kokusetyenziswa emzini oqhelekileyo, umthengi unako, ngokuphantsi komhlathi 3
ngezantsi, ukuyibuyisela kumthengisi imveliso kwaye kuyafumaneka oku kulandelayo
kukhetho lwakhe:
2.1 Zingaphelanga iinyanga zokuqala ezi-6 (ezintandathu) zesiqinisekiso: unokufumana
imbuyekezo yexabiso lokwenene elihlawulweyo okanye uyitshintshise imveliso
ngenye efana nayo yexabiso elifanayo ngentengo;
2.2 Zingaphelanga iinyanga zokuqala ezi-6 (ezintandathu) zesiqinisekiso:
unokuyitshintshisa imveliso ngenye efana nayo yexabiso elifanayo ngentengo.
3. Umthengisi akayi kuyitshintshisa imveliso okanye amnikeze imbuyekezo umthengi
ngokwemiqathango yesi siqinisekiso ukuba imveliso:
3.1 itshintshwe ngokuchaseneyo nemiyalelo enikezwe kwimanyuwali yemveliso;
3.2 isetyenziswe kakubi, ihlukunyeziwe okanye ibhucabhuciwe;
3.3 inesiphene okanye ayikho kwimeko yokusebenza ngenxa yokudleka okuqhelekileyo;
3.4 yonakele ngenxa yokungahoyi, ukungakhathali okukhulu komthengi, indlela
yokuziphatha ngolunya okanye indlela yokuziphatha yolwaphulo-mthetho;
3.5 isetyenziselwe iinjongo zoqoqosho okanye zorhwebo.
4. Esi siqinisekiso sisebenza kuphela kwimveliso ethengiswe kumthengisi ingasiyiyo nayiphi
na efakelwe ngenkcitho okanye efakelwe kwimveliso ngumthengi.
5. Naliphi na ibango kwimiqathango yesi siqinisekiso kufuneka sixhaswe bubungqina
bokuqala nentengo.
6. Qaphela ukuba into etshintshisiweyo iya kuthwala intsalela yesigaba sexesha
lesiqinisekiso njengaleyo yomhla wokuqala wentengo.