EasyManuals Logo

Tommee Tippee Advanced Anti-Colic Quick Start Guide

Tommee Tippee Advanced Anti-Colic
6 pages
To Next Page IconTo Next Page
To Next Page IconTo Next Page
To Previous Page IconTo Previous Page
To Previous Page IconTo Previous Page
Page #4 background imageLoading...
Page #4 background image
A Isiciko sebhotile
B Indawo yokuncanca
C Iringi yokusikrufela
D Ivili Lokukhupha
E tyhubhu Yokukhupha neNdawo
Yokuva Ubushushu
F IValvu
G Umzantsi webhotile
ukumpompoza
okucothayo
Ukumpompoza
okuphakathi
ukumpompoza
okukhawulezayo
UKUCOCA NOKUBULALA IINTSHOLONGWANE
Ngaphambi kokuyisebenzisa okokuqala, coca imveliso. Yicoce rhoqo ngaphambi kokuyisebenzisa. Maxa onke hlamba le mveliso ngoko
nangoko emva kokuyisebenzisa. Ngaphambi kokuqalisa ukuyisebenzisa yibeke kumanzi abilayo kangangemizuzu emi-5 ukuze uqinisekise
ukuba ayinazintsholongwane. Yihlambe kumanzi afudumeleyo anesepha uze uyipule kumanzi acocekileyo okanye usebenzise umatshini
wokuhlamba izitya (kwishelufu ephezulu kuphela). Qinisekisa ukuba uyalahlula ivili lokukhupha (D) kunye netyhubhu yokukhupha (E) uze
uyicoce kakuhle ngebrashi ebonelelweyo. Ukuze ucoce ezinye iinxalenye zebhotile, sebenzisa ibrashi yebhotile nedami ye-tommee tippee
closer to nature®. Xa see uzicocile iibhotile zakho kwaye ziungele ukususwa iintsholongwane. Zonke izinto ezikwibhotile zimele zibulawe
iintsholongwane. Zonke izinto ezikwibhotile zikufanele ukuba zibulawe iintsho ngomphunga (owombane okanye owe-micro wave),
ngokubiliswa okanye ngepilisi yamanzi abandayo/ulwelo olungamanzi. Musa ukucoca ngolwelo okanye iikhemikhali ezinamandla. Musa
ukuvumela le mveliso ukuba isondele ekutyeni okubilayo okuneoli (umz.ioli/ iisosi ezenziwe ngetumata) ekubeni iza kushiya ibala. Musa
ukuyipeculula le ndawo yokuncanca ngaphakathi ukwenzela ukuyicoca. Oku kungabangela umonzakalo. Sebenzisa ibrashi yendawo
yokuncanca . Musa ukusebenzisaindawo yokuncance okanye nasiphi na isixhobo ukucoca umngxuma wokuncanca osekupheleni
kwendawo yokuncance okanye ivalvu ekubeni oku kungabangela umonakal ofana okuba icandeke okanye ikrazuke.
UKUGCINWA NOKUSEBENZISA
Hlola ngaphambi kokusebenzisa ngakunye kwaye yitsale ititi yokutyisa/tsitsa kuwo onke amacala. Yilahle xa kukho iimpawu zokuqala
zomonakalo okanye ukuba buthathaka.Gcina onke amalungu kude nalapho kufikelela khona abantwana. Ukwenzela ukhuseleko nezempilo
kunconyelwa ukuba indawo yokuncancisa itshintshwe rhoqo kwiinyanga ezi-2. Musa ukushiya ititi yokutyisa okanye yokutsitsa elangeni
okanye ebushushwini, okanye uyishiye kwisibulala ntsholongwane ("kumanzi esibulala ntsholongwane") ngangesitthuba eside kuneso
sibekiweyo, njengokuba loonto inokwenza iititi okanye ukutsitsa kuthambe. Musa ukugcina nge okanye uvumele ukuba idibane nencindi
okanye iikhemikhali ezinamandla. Ayikufanelanga ukusetyenziswa kwioveni eqhelekileyo okanye idityaniswe kwi-microwave egcadayo
evulekileyo. Musa ukuyifaka kwi-microwave ibhotile ivaliwe. Yisuse indawo yokuncaca, indawo ejikelezayo okanye isiciko sebhotile.
UKWENZELA UKHUSELEKO NEMPILO YOMNTWANA WAKHO
ISILUMKISO!
Maxa onke sebenzisa le mveliso kukho umntu omdala oliliso. Kuye kwenzeka iingozi xa umntwana eshiywe yedwa xa encanca kwesi
sixhobo ngenxa yokuwa komntwane okanye ukuba imveliso iye yahlukana. Maxa onke hola ubushushu bokutya ngaphambi
kokumncancisa. Ukufudumeza kwi-microwave kungavelisa ubushushu bukazenzele. Yiba nenkathalo xa ufudumeza nge-microwave. Maxa
onke kuzamise ukutya okufudunyeziweyo ukuqinisekisa ukuba ubushushu busasazeka kakuhle uze uvavanye ubushushu ngaphambi
kokuba ukunikeze. Xa usenza isidlo, landela indlela yokudibanisa ubisi yemiyalelo yomvelisi uze uvumele amanzi abilisiweyo aphole
ngaphambi kokugalelaamanzi abilayo ebhotileni. Ungaze usebenzise izinto zokuncancisa njengendlela yokuthuthuzela umntwana.
Ukuqhubeka ixesha elide uncancisa iincindi kungabangela ukubola kwamazinyo. Ukubola kwamazinyo kubantwana abaselula kungenzeka
kwanaxa iinto azincancayo zingekho switi. Lento yenzeka xa umntwana athe wavunyelwa ukusebenzisa ikomityi ixesha elide imini yonke
kunye ikakhulu nobusuku bonke, xa amathe enqongophele okanye esetyenziswa nje ngesithomalalisi.
A
B
C
D
E
F
G
UKUQALISA OKUKHAWULEZAYO:
Ngaphambi kokuyisebenzisa, hlamba zonke iinxalenye ngesepha namanzi afudumeleyo, yipule ngamanzi acocekile uze ubulale
iintsholongwane.
Dibanisa ibhotile yakho ngokwedayagramu.
Xa udibanisa ibhotile yakho kubalulekile ukuba uhlole ivalvu(F) ngokuyibamba ngaphaya kwendawo ekhanyayo uhlole ukuba indawo
esikekileyo kwisilikhoni ayivalekanga ngci na. Ukuba ivaleke ngci, yicinezele kancinane uyifake phakathi kweminweyakho ukuze ivuleke
kwakhona. Ukuba ivalvu ivaleke ngci ibhotile yakho ayiyi kukhupha kakuhle.
Ngaphambi kokuyisebenzi-
sa, yibambe uyijongise
ekukhanyeni ukuze ubone
indawo esikekileyo uze
uyicinezele ukuze
uqinisekise ukuba ikhupha
umoya kakuhle.
Yenza isifaki sakho.
Nikezela ngayo.
Iingcali zezamayeza ezininzi zincomela ukuba ukunikezela
ngobisi kubushushu bomzimba (37oC / 98.6 F) Le ndawo iva
ubushushu isuka kumbala oblu ukuya kopinki 41oC / 105.8 F).
Ukuba, emva kwemizuzwana emi-5, indawo eva ubushushu
isuka kumbala oblu iye kopinki kuthetha ukuba ubisi lushushu
kakhulu ukuba ungalunikezela. Oku kokokuqinisekisa, kodwa
kubalulekile ukuba usoloko uhlola ubushushu bebhotile
ngaphambi kokunikeza ngayo.
Emva kokuyisebenzisa, hlamba zonke iinxalenye ngamanzi
afudumeleyo anesepha, yipule ngamanzi acocekileyo,
phinda uyibulale iintsholongwane.
www.tommeetippee.com
XH

Other manuals for Tommee Tippee Advanced Anti-Colic

Questions and Answers:

Question and Answer IconNeed help?

Do you have a question about the Tommee Tippee Advanced Anti-Colic and is the answer not in the manual?

Tommee Tippee Advanced Anti-Colic Specifications

General IconGeneral
MaterialPlastic
Age Range0+ months
Anti-Colic TechnologyYes
Dishwasher SafeYes
Bottle TypeAnti-Colic
BPA FreeYes
SterilizableYes
Teat ShapeBreast-like
Nipple TypeSlow flow
IncludesBottle, Teat
Capacity260ml (9oz)

Related product manuals