EasyManua.ls Logo

ottimo P70B17L-T8 - Iinkcukacha; Ufakelo; Ungenelelo Lwerediyo

ottimo P70B17L-T8
25 pages
Print Icon
To Next Page IconTo Next Page
To Next Page IconTo Next Page
To Previous Page IconTo Previous Page
To Previous Page IconTo Previous Page
Loading...
ISIXHOSA
17. Esi sixhobo asenzelwanga ukusetyenziswa ngabantu (ukuquka abantwana) abanobuchule
obuncinci ngenyama ngengqiqo okanye ngengqondo, okanye ukuswela amava nolwazi,
ngaphandleni kokuba banikezwe uqeqesho okanye umyalelo ophathelele ekusetyenzisweni
kwesixhobo ngumntu onoxanduva lokhuseleko lwabo.
18. Abantwana kumele bakhokelwe ukuqinisekisa ukuba abadlali ngesixhobo.
INKCUKACHA
Usetyenziso lombane:
220-240V~50Hz, 1200W(Imayikhroweyivu)
Inkupho yombane okalihiweyo wemayikhroweyivu:
700 W
Ifrikhwensi yomsebenzi:
2450 MHz
Iidayimenshini zangaphandle:
262 mm (H) × 452 mm (W) × 335 mm (D)
IiDayimenshini zoMphakathi weOveni:
198 mm (H) × 315 mm (W) × 294 mm (D)
Umthamo weOveni:
Iilitha ezi-17
Iyunifom yokupheka:
Isistim yetafile ejikekayo
Ubunzima beNethi:
Okusondele kwi-10.5 kg
UFAKELO
1. Qiniseka ukuba zonke iimathiriyeli zokuphakheja zishenxisiwe kumphakathi wocango.
2. ISILUMKISO: Khangela nawuphi na umonakalo kwioveni, njengokungalungelelani okanye
ucango olugobileyo, amatywina ocango awonakeleyo nomphezulu wesilingi, iihenjisi neeletshi
ezaphukileyo okanye ezityeketyeke iingcacambo ngaphakathi kwekhavithi okanye
elucangweni. Ukuba kukho nawuphi na umonakalo, musa ukuyisebenzisa ioveni
uqhagamshelane nomntu wenkonzo oqeqeshiweyo.
3. Le oveni yemayikhroweyivu kufuneka ibekwe kuphezulu oflethi ozinzileyo ukubamba ubunzima
bayo kwaye okona kutya kukhulu bungaphekwa kwioveni.
4. Musa ukuyibeka ioveni apho ubushushu, umfumo, okanye ukufuma okukhulu kwenzeka
khona, okanye kufuphi kweemathiriyeli ezitsha lula.
5. Ukusebenza okuchanekileyo, ioveni kufuneka kubekho ukuphala komoya ngokwaneleyo.
Vumela isithuba sama-20cm ngaphezu kweoveni, i-10cm emva kunye ne-5cm kumacala
omabini. Musa ukuzogquma okanye uzibhloke naziphi na iindawo ezivulekileyo ezikwisixhobo.
Musa ukuzishenxisa iinyawo. Musa ukuzishenxisa iinyawo.
6. Musa ukuyisebenzisa ioveni ngaphandle kwethreyi yeglasi, inkxaso yerola, neshafti
kwizikhundla zazo ezifanelekileyo.
7. Qiniseka ukuba intambo yesibonelelo sombane asonakalanga kwaye asijikeli ngasemva
kweoveni okanye ngaphezu kwakhe nawuphi na umphezulu oshushu okanye obukhali.
8. Isokethi mayifikeleleke ngokulula ukuze ikhutshwe ngokulula eplagini xa kukho ungxamiseko.
9. Musa ukuwasebenzisa amacango eoveni.
UNGENELELO LWEREDIYO
Umsebenzi weoveni yemayikhroweyivu ungabangela ungenelelo kwirediyo yakho, kwi-TV, okanye
kwisixhobo esifanayo.
Xa kukho ungenelelo, lungancitshiswa okanye lupheliswe ngokuthatha amanyathelo alandelayo:
1. Coca ucango nomphezulu wesilingi yeoveni.
2. Misa ngokutsha uphondo olwamkelayo lwerediyo okanye lukamabonakude.
3. Yibeke kwindawo entsha ioveni yemayikhroweyivu ngokuphathelele kulwamkelo.
4. Yishenxisele kude lee ioveni yemayikhroweyivu kulwamkelo.
5. Plaga ioveni yemayikhroweyivu kwindawo yombane eyahlukileyo ukuze ioveni
yemayikhroweyivu nolwamkelo zibe kwiisekethi zamasebe awahlukileyo.