UMSEBENZI
Ukuseta inkqubo yokupheka:
1. Beka ukutya kwioveni uze uvale ucango.
2. Jika iSikhethi soMbane ukhetha inqanaba lombane.
3. Sebenzisa iqhosha leXesha ukukhetha ixesha lokupheka
QAPHELA:
Kwakamsinyane lakuba lijikiwe ixesha, ioveni iqalisa ukupheka.
Xa ukhetha ixesha elingaphantsi kwemizuzu emi-2, jika ixesha lidlule imizuzu emi-2 uze ubuyisele
ixesha elichanekileyo.
ISILUMKISO: SOLOKO ULIBUYISELA KWISIKHUNDLA ESISEMVA KUZIRO IXESHA ukuba
ukutya kukhutshiwe kwioveni phambi kokuba ixesha lokupheka elisetiweyo ligqityiwe okanye xa
ioveni ingasebenzi. Ukumisa ioveni ngelixa iphekayo, tyhala iqhosha lokuvula ucango okanye vula
umnyango ngomqheba.
UKUYICOCA NOKUYIKHATHALELA
1. Yicime ioveni uze uyishenxise iplagi yombane kwisokethi yodonga phambi kokuba uyicoce.
2. Gcina umphakathi weoveni icocekile. Xa izitshizi zokutya okanye into engamanzi
echithakeleyo incamathela kumadonga eoveni, sula ngelaphu elifumileyo. Isicoci esiphakathi
singasetyenziswa ukuba ioveni ingcola kakhulu. Kuphephe ukusebenzisa isipreyi nezinye
izicoci ezibukhali njengoko ziya kushiya ibala, ziphawule okanye ziwenze mfiliba umphezulu
wocango.
3. Imiphezulu yangaphandle kumele icocwe ngelaphu elifumileyo. Ukuthintela umonakalo
kwiindawo zokusebenza ezingaphakathi kwioveni, amanzi akumele avunyelwe ukuba avuze
kwiindawo ezivulekileyo zeventileyishini.
4. Sula ucango nefestile kumacala omabini, amatywina ocango neendawo ezimeleneyo rhoqo
ngelaphu elifumileyo ukushenxisa naziphi na izinto ezichithakeleyo okanye ezitshizekileyo.
Musa ukusisebenzisa isicoci esikhuhlayo.
5. Musa ukuyivumela iphaneli yolawulo ibe manzi. Coca ngelaphu elithambileyo elifumileyo. Xa
ucoca iphaneli yolawulo, lushiye luvulekile ucango ukuthintela ukuba ilayite ngengozi ioveni.
6. Ukuba umphunga uqokelelana ngaphakathi okanye ukungqonga umphandle wocango
lweoveni, sula ngelaphu elithambileyo. Oku kunokwenzeka xa ioveni yemayikhroweyivu
isetyenziswa ngaphantsi kwemeko yokufuma okuphezulu.
7. Kuyimfuneko ukuba ngamaxesha athile ukuyisusa iglasi yethreyi xa ucocayo. Yihlambe ithreyi
kumanzi afudumeleyo anesephu okanye kumashini wokuhlamba izitya.
8. Iringi yerola nomgangatho weoveni kumele ucocwe rhoqo ukuthintela ingxolo egqithisileyo.
Vele nje wosule umphezulu womphantsi weoveni ngesicoci esiphakathi. Iringi yerola
inokuhlanjwa kumanzi aphakathi anesepha okanye kumashini wokuhlamba izitya. Xa
ushenxisa iringi yerola kumgangatho womphakathi (ikhavithi) ukuze uyicoce, qiniseka ukuba
uyibuyisela kwisikhundla esifanelekileyo.
9. Shenxisa amavumba kwioveni yakho ngokudibanisa ikomityi yamanzi anejusi kunye nofele
lwelemoni ekwisitya esinzulu semayikhroweyivu, kwimayikhroweyivu kangangemizuzu emi-5.
Sula yonke uze uyomise ngelaphu elithambileyo.
10. Xa kuyimfuneko ukutshintshwa kwesibane seoveni, nceda udibane nomthengisi ukuze
asitshintshe.
11. I-oveni kumele icocwe rhoqo kwaye zishenxiswe naziphi na iintsalela zokutya. Ukusilela
ukuyigcina ikwimeko ecocekileyo ioveni kungakhokelela ekubeni mandundu komphezulu
okungathi kukhokelele kwifuthe elibi kubomi besixhobo nezingade zibangele ubungozi.
12. Nceda musa ukulahla esi sixhobo kumgqomo wenkunkuma wasekhaya; kumele silahlwe
kwiziko elithile lokulahlela elinikezwe ngumasipala.